Uluka 7:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba uYesu egqibile ukuwathetha la mazwi ephulaphulwe ngabantu, waya kungena eKapernahum.

2. Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa.

3. Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe.

4. Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu,

5. kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”

Uluka 7