1. Akuba uYesu egqibile ukuwathetha la mazwi ephulaphulwe ngabantu, waya kungena eKapernahum.
2. Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa.
3. Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe.
4. Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu,
5. kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”
6. UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam.
7. Mna ngokwam andifanelanga ukuba ndize kuwe. Thetha nje ilizwi: sophila isicaka sam.
8. Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”
9. Ezivile uYesu ezi zinto, wamangaliswa, wajika wathi kwindimbane eyayimlandela: “Ndithi kuni, nkqu nakwaSirayeli andifumananga lukholo lungaka.”
10. Kwathi ke bakubuyela endlwini abo babethunyiwe, basifumana isicaka siphilile.