Uluka 5:25-28 Ibhayibhile (XHO96)

25. Waphakama kwangoko bemjongile, waluthatha ukhuko abelele kulo, wagoduka ebulela uThixo.

26. Bamangaliswa ke bonke, bamdumisa uThixo, besoyika kakhulu, besithi: “Sibone umhlola namhlanje.”

27. Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.”

28. Washiya konke ke, wamlandela.

Uluka 5