39. Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [
40. Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe.]
41. Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?”
42. Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo,
43. wayithatha, wayitya bejongile.
44. UYesu ke wathi kubo: “Zizo ezi izinto endazithethayo kuni ndisenani, ndisithi zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam *emthethweni kaMosis, nasezincwadini *zabashumayeli, nasezindumisweni.”
45. Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, ukuze baziqonde *iziBhalo;
46. wathi kubo: “Kubhalwe kwathiwa *uKrestu umelwe kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu.
47. Kukwabhalwe kusithiwa zothi egameni lakhe zivakaliswe kuzo zonke iintlanga iindaba zenguquko noxolelo lwezono, kuqalelwa eJerusalem.