Uluka 23:33-43 Ibhayibhile (XHO96)

33. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

34. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.

35. Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”

36. Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye,

37. esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”

38. Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”

39. Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”

40. Sasikhalimela esinye, sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwawiselwe esi sigwebo nje?

41. Esi sigwebo okunene sisifanele thina, kuba sivuzwa ngezenzo zethu; kodwa yena lo akenzanga nto imbi.”

42. Saza sathi kuYesu: “Uzundikhumbule, Yesu, xa uthe weza kulawula.”

43. UYesu wathi kuso: “Ndithi kuwe, inene, kwanamhlanje uya kuba nam emyezweni wakwaThixo.”

Uluka 23