32. Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.
33. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
34. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.
35. Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”
36. Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye,
37. esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”
38. Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”
39. Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”