Uluka 23:32-39 Ibhayibhile (XHO96)

32. Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu.

33. Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

34. UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.

35. Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.”

36. Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye,

37. esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”

38. Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”

39. Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”

Uluka 23