2. yammangalela isithi: “Lo simfumene elahlekisa uhlanga, engavumi ukuba sirhafe *kuKhesare, esithi yena unguye *uKrestu uKumkani.”
3. UPilato ke wambuza esithi: “Unguye na uKumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi: “Nawe utsho.”
4. UPilato wathi kubabingeleli abaziintloko nakwisihlwele: “Andifumani tyala kulo mntu.”
5. Kwaba kukhona bazingisayo besithi: “Údungadunga abantu, efundisa kulo lonke elakwaJuda, ukususela kwelaseGalili, kude kube lapha.”
6. Akuva kukhankanywa elaseGalili, uPilato wabuza ukuba uYesu ngowalapho na;
7. waza wathi, akuqonda ukuba ungowommandla ophethwe nguHerode, wamthumela kuHerode, owayeseJerusalem naye ngelo xesha.
8. UHerode akumbona uYesu, wavuya kunene; kwakukade efuna ukumbona, kuba wayeve kuthethwa lukhulu ngaye. Wayenqwenela nokubona umqondiso usenziwa nguYesu.
9. UHerode ke wabuza imibuzo emininzi, kodwa uYesu wathi tu.
10. Baphakama ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bamtyhola ngolunya uYesu.
11. UHerode nempi yakhe bamenza into engento uYesu, behlekisa ngaye, bemthe wambu ngengubo eqaqambileyo, waza uHerode wambuyisela kuPilato.
12. Ngaloo mini baba zizihlobo uPilato noHerode, kuba babefudula bejongene ngezikhondo zamehlo.
13. Ke kaloku uPilato wababizela ndawonye ababingeleli abaziintloko nabaphathi bamaJuda, nabantu,
14. wathi kubo: “Nizise lo mntu kum nisithi udungadunga abantu. Ke ndimncinile phambi kwenu, ndaza andafumana tyala kuye kwezo zinto nimmangalela ngazo.
15. NoHerode akafumananga tyala kuye, kuba naku embuyisela kum. Niyabona, akukho nto ayenzileyo ingabangela ukuba afe.