23. Baza ke bona babuzana bodwa ukuba ngaba ngubani na kubo oza kuyenza le nto.
24. Ke kaloku kwabakho ukubangisana phakathi kwabafundi ngokuba nguwuphi na kubo ekunokuthiwa ngoyena mkhulu.
25. UYesu wathi kubo: “Ookumkani beentlanga balawula ngegqudu, kanti ke kwabona kuthiwa ngoothandabantu.
26. Ke nina ze ningabi njalo; omkhulu kuni makabe njengomncinci, nokhokelayo afane nokhonzayo.
27. Nguwuphi na kakade omkhulu: ngulowo uhleli etafileni, nokuba ngulowo uzisa ukutya etafileni? Asingulowo uhleli etafileni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengesicaka.
28. “Nina nahlala nihleli nam ekulingweni kwam.
29. Kwanjengokuba uBawo endinike igunya lokulawula, nam ndininika elo gunya,
30. ukuze nitye, nisele, etafileni yam kwikomkhulu lam, nihlale ezikhundleni zokulawula, nigweba izindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.”
31. UYesu wathi: “Uyabona, wena Simon, uSathana ebenibanga efuna ukunihlungula okwengqolowa,
32. kodwa mna ndikuthandazele ukuba ukholo lwakho lungapheli. Nawe ke, xa uthe waguquka, uze uwomeleze amakholwa.”
33. UPetros ke wathi kuye: “Nkosi, ndixolèlè nokuya kunye nawe entolongweni nokuba kusekufeni.”
34. UYesu wathi: “Inene, Petros, kothi namhlanje ingekakhali inkuku, ube wena sewukhanyele kathathu ukuba uyandazi.”
35. Ke uYesu wathi kubo: “Ngôkúyâ ndandinithume ningenasipaji, nangxowa yamphako, nazihlangu, nakha naswela nto na?”Bathi ke bona: “Nento le.”
36. Waza wathi kubo: “Ke ngoku lowo unesipaji makasithathe, enjenjalo nonengxowa yomphako, aze nalowo ungenakrele athengise ingubo yakhe alithenge.