Uluka 22:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna indlela efihlakeleyo yokumbulala uYesu, kuba babesoyika abantu.

3. Wangena ke uSathana kuJudas ekuthiwa nguSikariyoti, owayengomnye wabafundi abalishumi elinambini.

4. Wesuka waya kubhunga nababingeleli abaziintloko nabagcini *bendlu kaThixo, wacebisana nabo ngeyona nto anokuyenza ukuze babe nokumbamba uYesu.

5. Bavuya ke bona, bagqiba kwelokuba bamnike imali,

6. waza wavuma, waba soloko ezungula ukufumana ithuba lokumbambisa kungekho sihlwele.

7. Wafika ke loo mhla wesidlo sezonka ezingenagwele ekwakumele ukuxhelwa ngawo ixhwane *lePasika.

8. UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”

Uluka 22