Uluka 18:26-36 Ibhayibhile (XHO96)

26. Abo bevayo ke bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?”

27. Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”

28. Ke uPetros wathi: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29. Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngabazali, nokuba ngabantwana, ngenxa yokufuna ukulawulwa nguThixo,

30. ongayi kuthi ngoku ngalo eli xesha amkele ngokuphinda-phindiweyo, aze kwiphakade elizayo amkele ubomi obungunaphakade.”

31. Ke uYesu wabathatha abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ngoku ke siyemka, siya eJerusalem. Ke zonke izinto abazibhalayo *abashumayeli ngaye *uNyana woLuntu, ziya kuzaliseka.

32. UNyana woLuntu uya kunikelwa kwabasemzini, kudlalwe ngaye, aphathwe kakubi, atshicelwe.

33. Baya kumkatsa, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”

34. Ke bona abafundi abaqondanga nento le kwezi zinto. Intsingiselo yala mazwi yayifihlakele kubo, bengazazi ezi zinto azithethayo.

35. Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba.

36. Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.

Uluka 18