32. Khumbulani ngomka-Lothe!
33. Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza.
34. Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe.
35. Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [
36. Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]”
37. Ke abafundi baphendula bathi kuYesu: “Phi na, Nkosi?”Yaza ke yathi kubo: “Apho sikhoyo isidumbu kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”