Uluka 12:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo.

10. “Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa.

11. “Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na;

12. kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.”

13. Omnye esihlweleni wathi kuYesu: “Mfundisi, yitsho kumntakwethu sahlulelane ngelifa.”

14. Ke yena wathi kuye: “Mntundini, ndibekwe ngubani na ukuba ndibe ngumgwebi nomahluli phakathi kwenu?”

15. Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”

16. Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu.

17. Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’

18. Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam;

19. ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’

20. Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’

21. Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.”

22. Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na.

23. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.

24. Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

25. Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe?

26. Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye?

Uluka 12