37. Akuba uYesu ethethile, *umFarasi othile wammema ukuba aye kutya kwakhe. Wafika ke, waya kuhlala etafileni.
38. Akukubona oku, umFarasi wamangaliswa kukuba uYesu engathanga kuqala ahlambe phambi kokuba atye.
39. INkosi ke yathi kuye: “Kaloku nina baFarasi nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngeentliziyo zenu nizungula ukuphanga nenkohlakalo.
40. Ziyathandini, lo wawenzayo umphandle akawenzanga na kwanawo umphakathi?