Uluka 11:35-48 Ibhayibhile (XHO96)

35. Lumka ke, hleze ukukhanya okukuwe kube bubumnyama.

36. Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo isebumnyameni, úya kukhanyiseleka uphela, kwanjengoko kunjalo xa isibane sithe sakukhanyisela ngelitha laso.”

37. Akuba uYesu ethethile, *umFarasi othile wammema ukuba aye kutya kwakhe. Wafika ke, waya kuhlala etafileni.

38. Akukubona oku, umFarasi wamangaliswa kukuba uYesu engathanga kuqala ahlambe phambi kokuba atye.

39. INkosi ke yathi kuye: “Kaloku nina baFarasi nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngeentliziyo zenu nizungula ukuphanga nenkohlakalo.

40. Ziyathandini, lo wawenzayo umphandle akawenzanga na kwanawo umphakathi?

41. Ngoko ke yiphani abasweleyo izinto ezingaphakathi kwindebe nesitya. Nakwenjenjalo ke aniyi kuphinda nizikhathaze ngezinto ezinomlaza nezingenawo.

42. “Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.

43. “Mawoo, nina baFarasi! Nithanda izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, nokukhahlelwa emabaleni embutho.

44. Mawoo, nina! Ninjengamangcwaba angasabonakaliyo, abathi abantu bahambe phezu kwawo bengawazi.”

45. Waphendula ke othile wakubachazi-mthetho, wathi kuye: “Mfundisi, uthetha ngolu hlobo nje, uyasigxeka nathi.”

46. Uthe ke yena uYesu: “Mawoo, nani bachazi-mthetho! Abantu nibathwalisa imithwalo enzima, kanti nina le mithwalo aniyichukumisi nokuyichukumisa nangomnwe lo.

47. Mawoo! Nina nihombisa amangcwaba abashumayeli bamandulo, ukanti bâbuláwa ngooyihlo.

48. Nina ke nibonakalisa ukuvumelana kwenu nooyihlo, kuba bona bababulala *abashumayeli, kanti nina nihombisa amangcwaba abo.

Uluka 11