13. Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?”
14. UYesu wayekhupha indimoni edala ubumumu emntwini; kwaza kwathi, yakuphuma indimoni, isimumu eso sathetha. Samangaliswa ke isihlwele,
15. kodwa abathile kuso bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”
16. Abanye babemlinga, befuna umqondiso ophuma ezulwini.
17. Ke uYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyawa, nomzi ovukelana wodwa uyachithakala.
18. NoSathana ke, ukuba okwakhe kuthe kwavukelana kodwa, lothini na ukungonakali ulawulo lwakhe? Nina nithi iindimoni ndizikhupha ngoSathana.