Uluka 10:39-42 Ibhayibhile (XHO96)

39. UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo.

40. Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.”

41. Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi,

42. kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”

Uluka 10