1. Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,
2. wathi:“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,waza ke yena wandiphendula.Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,waza ke wena waliva ilizwi lam.
3. Wena wandiphosa enzonzobileni,phakath' enzulwini yolwandle,yaza ke imisinga yandigubungela,amaza akho alatyuza andisibekela.
4. Ndathatha ndibeka ndisithi:‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.
5. Andigubungela phants' andirhaxa amanzi,ndathi zwabhabha enzonzobileni.Izityalo zolwandle zayithandela intloko yam.
6. Ndatshona ndehla mpela,ndee xhaxhe ngeengcambu zeentaba.Ndafika nakwelo lizweelivalwe mfamlibe ngemivalo.Ke wena, Ndikhoyo Thixo wam,wandibuyisa ndiphilile kwelo ngcwaba.