8. Baza ke bathi kuJona: “Khawutsho! Ngubani unobangela wale ntlekele? Uzokwenza ntoni apha? Khona, uvela phi? Liphi ikowenu? Ungumni kakade?”
9. UJona waphendula wathi: “Mna ndingumHebhere. Ndinqula uNdikhoyo uThixo wamazulu, lo udale ulwandle kunye nomhlaba.”
10. Ke kaloku loo madoda othuka gqitha, kuba uJona wawachazela ukuba elapho nje ubaleka uNdikhoyo, aza athi kuye: “Yintoni na le uyenzileyo?”
11. Ke lona ulwandle lwaqhubela phambili ukulwa. Baza ke bathi kuJona: “Masenze ntoni ngawe ukuze ulwandle luzole?”
12. UJona waphendula wathi: “Ndifunquleni nindiphose elwandle, ukuze luzole. Kaloku ndiyaqonda ukuba ndim lo unizisele olu qhwithela.”
13. Kambe ke abaqhubi bazama kangangoko ukuyisa elunxwemeni inqanawa leyo. Kodwa ke nelo icebo lafadalala kuba ulwandle lwaya luthatha unyawo ngokulwa.
14. Badanduluka kuNdikhoyo ke bathi: “Awu, Ndikhoyo, uze ungasohlwayi ngenxa yokufa kwale ndoda. Uze ungalibizi kuthi igazi elimsulwa. Kaloku yonke le nto ikholeke kuwe, Ndikhoyo.”
15. Amfunqula ke uJona, amphosa elwandle, lwaza ke ulwandle olulwayo lwadamba.
16. Le nto ke yawatsho amhlonela uNdikhoyo loo madoda, aza amenzela idini, enza nezibhambathiso kuNdikhoyo.
17. Kambe ke uNdikhoyo wayalela intlanzi enkulu, yaza yamginya uJona. Wahlala apho kuyo ke iimini ezintathu nobusuku bazo.