Ujeremiya 7:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Musani ukulahlekiswa ngamazwi obuxoki athi: “Yindlu kaNdikhoyo le; yindlu kaNdikhoyo le; ewe, yindlu kaNdikhoyo le, soze kwenzeke nto kuyo!” ’

5. “Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye,

6. ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo,

7. mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.

8. “Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo.

9. Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini.

Ujeremiya 7