2. Ndiya kuthumela eBhabheli abantu bokwelaabaya kuyivuthulula baliphanzise ilizwe layo.Baya kuyifikela macala onke ngomhla wentlekele.
3. Umtyedi wesaphetha akayi kuba nako ukudubula ngetolo,angabi naxesha lakuqhayisa ngezambatho zokuzikhusela.Musani ukuwayeka asinde amadodana ayo;wutshabalalise ngokupheleleyo umkhosi wayo.
4. Baya kuwa, bebulewe ezweni lamaKaledi,begwazwe ezitalatweni.