Ujeremiya 42:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko bonke abaphathi-mabutho kunye noYohanan unyana kaKareya bekunye noYazaniya unyana kaHoshaya nabantu bonke, abancinane nabakhulu, baya

2. kumshumayeli uJeremiya, bafika bathi kuye: “Nceda usamkele isicelo sethu kuwe: Sithandazele *kuNdikhoyo uThixo wakho, ucelele onke la masalela, kuba nawe ngokwakho uyabona ukuba naxa sasibaninzi ngoku sesisele siliqaqobana.

3. Mcele uNdikhoyo uThixo wakho ukuba asityhilele indlela emasihambe ngayo, nento emasiyenze.”

Ujeremiya 42