Ujeremiya 41:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngenyanga yesixhenxe uIshmayeli unyana kaNetaniya unyana kaElishama, owayengumntwana wegazi ekwayingqwayi-ngqwayi kakumkani, waya eMizpa kuGedaliya unyana ka-Ahikam, ehamba neshumi lamadoda, baza batya kunye. Kwathi ke besahleli etafileni apho

2. suka uIshmayeli unyana kaNetaniya kunye nelo shumi lamadoda ayehamba naye baphakama bamxabela ngekrele uGedaliya, unyana ka-Ahikam ongumzukulwana kaShafan. Ngeso senzo bamgwinta owayengumphathiswa welo lizwe omiselwe ngukumkani waseBhabheli.

3. Bawabulala namanye amaJuda onke awayeseMizpa kunye noGedaliya, kwakunye namajoni angamaKaledi awayelapho.

4. Ngomhla wesibini olandela ukugwintwa kukaGedaliya, ingekaziwa loo nto,

5. kwafika amashumi asibhozo amadoda, evela eShekem naseShilo naseSamariya. Ayezichebile iindevu, ezikrazule izambatho, imizimba eyicentile. Ayephethe iminikelo yeenkozo kunye nentlaka yesiqhumiso, ezizisa endlwini *kaNdikhoyo.

6. UIshmayeli unyana kaNetaniya wasuka eMizpa, wawahlangabeza ehamba elila. Ufikile kubo, wathi: “Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.”

Ujeremiya 41