Ujeremiya 38:24-27 Ibhayibhile (XHO96)

24. Emva koko uthe ukumkani uZedekiya kuJeremiya: “Uze ungayithethi mntwini le ncoko yethu, ukuba akufuni kufa.

25. Kodwa ke xa zithe iziphathamandla zeva ukuba bekhe sadibana, zize ke zithi kuwe: ‘Sixelele, ubusithini kukumkani, waza yena wathini kuwe? Ukuba uthethe konke, asiyi kukubulala,’

26. uze uthi: ‘Bendiye kucenga ukumkani ukuba angandibuyiseli kulaa ndlu kaJonatan, kuba ndoyika ukufela khona.’ ”

27. Zaya kuJeremiya zonke iziphathamandla, zafika zambuza ngencoko yakhe nokumkani. Wazixelela konke athe ukumkani aze azixelele kona. Azibanga nakumphikisa kuba yayingavelwanga bani incoko yakhe nokumkani.

Ujeremiya 38