Ujeremiya 34:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalem kunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi:

2. “Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, uthi kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, yaye uza kusitshisa sibe luthuthu.

3. Nawe akuyi kuphuncula: uza kubanjwa unikezelwe kuye. Uza kumbona ngamehlo ukumkani waseBhabheli, nithethe ubuso ngobuso, uhambe uye eBhabheli.’

4. “Kambe ke, mhlekazi Zedekiya, kumkani wakwaJuda, live neli lizwi likaNdikhoyo. Utsho kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena Zedekiya akuyi kufa ngekrele;

5. uza kufa ngoxolo. Nanjengoko abantu babesenza isiqhumiso xa babengcwaba ooyihlo, nditsho ookumkani bamandulo, ngokunjalo naxa bangcwaba wena baza kwenza isiqhumiso. Nawe baza kukuzilela, bathi: “Mawoo, nkosi!” Uthethile uNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

6. Umshumayeli uJeremiya wawathetha ke onke la mazwi kukumkani uZedekiya wakwaJuda eJerusalem,

Ujeremiya 34