Ujeremiya 3:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Ukanti kwawena usathi kum:‘Kaloku, tata, uyintandane yam kwasebutsheni bam.

5. Akunako ukuhlala unomsindo;akuyi kundiqumbela kude kuye esiphelweni.’Yintetho yakho ke leyo,kodwa wenza amanyundululu kangangoko!”

6. Kwathi ngexesha uJosiya ukumkani wayesesihlalweni, ndafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Uyibonile into andenze yona umkreqikazi uSirayeli? Uhambe ehenyuza ezindulini eziphakamileyo nangaphantsi kwemithi eyokozelayo.

7. Ndandiba uya kuthi emva kwayo yonke loo nto abuyele kum. Kodwa akabuyelanga kum, yaye nodade wabo ongathembekanga uJuda wayibona loo nto.

Ujeremiya 3