Ujeremiya 29:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nantsi incwadi eyabhalwa ngumshumayeli uJeremiya eseJerusalem, ebhalela amasalela amadoda amakhulu afudusiweyo, nababingeleli, nabashumayeli, kunye nabantu bonke abathathwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem, baya kuba ngabathinjwa eBhabheli.

2. Wayibhala emva kokuba ukumkani uJekoniya nonina, namaphakathi, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, namagcisa nabasebenzi bentsimbi bakhona, basiwa ekuthinjweni.

3. Wayinikela uElasa unyana kaShafan loo ncwadi, ekunye noGemariya unyana kaHilekiya, ababezizigidimi zikakumkani uZedekiya wakwaJuda awazithumayo eBhabheli kukumkani uNebhukadenezare. Wabhala wenjenje:

4. *UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli, utsho kubo bonke abathinjwa awabasa eBhabheli, besuka eJerusalem, ukuthi:

31-32. “Thumela kubantu abangabathinjwa uthi: ‘Nkokusingisele kuShemaya umNehelam uNdikhoyo utsho ukuthi: Ndiza kumohlwaya uShemaya kunye nenzala yakhe, kuba unishumayeza noxa engathunywanga ndim, wanenza nathemba ubuxoki. Ngenxa yoko utsho uNdikhoyo ukuthi: Niyabona, akayi kuba nanzala konke. Akasobe azibone izinto ezintle endiza kuzenzela abantu bam, kuba kaloku yena ubebafundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

Ujeremiya 29