Ujeremiya 26:21-24 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ukumkani uJoyakim kunye namagorha akhe neziphathamandla zonke wafuna ukumbulala akuliva udaba lwakhe. Wathi akuyiva loo nto u-Uriya, wasabela eJiputa.

22. Ukumkani uJoyakim wamthumela eJiputa apho uElinatan unyana ka-Akebhore, eneqela lamadoda, ukuba aye kumlanda u-Uriya.

23. Babuye naye eJiputa, bamsa kukumkani Joyakim, owathi u-Uriya makaxatyelwe ngekrele, umzimba wakhe uye kulahlwa apho kungcwatyelwa khona abantu abaphantsi.)

24. Kwavela uAhikam unyana kaShafan, waxhasa uJeremiya, akabi sanikezelwa ke eluntwini ukuba abulawe.

Ujeremiya 26