Ujeremiya 24:8-10 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Kodwa yena ukumkani wakwaJuda uZedekiya neziphathamandla zakhe, namasalela eJerusalem, nokuba alapha okanye aseJiputa, bona ndibafanisa nala makhiwane mabi, angenako nokutyiwa oku.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

9. “Ndiya kubatsho babe nomdintsi nezothe kulo lonke ilizwe. Baya kuba zizinto ezisisingcikivo, ezilihlazo nentlekisa, babe sisiqalekiso naphi na apho ndibachitha-chithela khona.

10. Ndiza kubahlisela ikrele nendlala nobhubhani, bade baphele nya kweli lizwe ndalinika bona nooyise-mkhulu.”

Ujeremiya 24