3. *UNdikhoyo wathi kum: “Jeremiya, ubona ntoni na?”Mna ndithe: “Ndibona amakhiwane. Amahle mahle gqitha; amabi mabi mpela – zizinto ezingenako nokutyiwa oku.”
4. Livakele lisithi ke kum ilizwi likaNdikhoyo:
5. “Utsho ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Abathinjwa bakwaJuda endabasusa kweli lizwe ndabasa kwelamaKaledi ndibafanisa nala makhiwane mahle.
6. Ndiya kuhlala ndibabonelela, ndibabuyisele kwalapha. Ndiya kubakha, ndingabachithi; ndiya kubamilisela, ndingabancothuli.
7. Ndobafaka intliziyo endiqondayo, bazi ukuba uNdikhoyo ndim. Baya kwandula ke ukuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, kuba kaloku bobuyela kum ngomxhelo wabo wonke.