Ujeremiya 11:18-23 Ibhayibhile (XHO96)

18. *UNdikhoyo wandityhilela, khon' ukuze ndiqonde;wawavula amehlo am, ndazazi iinjongo zabo.

19. Ndandifana nqwa nexhwane elimbuna lisiya kuxhelwa.Bekungekho nto ndiyaziyo.Bendingaqondi ukuba baceba amayelenqe ngam,besithi: “Masiwutshabalalise umthi uselula,simcime igama, angabi sakhunjulwa ngabaphilayo.”

20. Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo Somandla-onke,wena mgwebi olilungisa,wena mgocagoci weentliziyo neengqondo zabantu.Wonke lo mcimbi wam ndiwuxhoma kuwe;mandikubone ke ukundiphindezela kwakho kubo.

21. Ngenxa yoko naku okuthethwa nguNdikhoyo malunga nabantu baseAnatoti abazungula ubomi bakho besithi: “Musa ukuba sashumayela ngegama likaNdikhoyo, hleze sikubulale ngezandla zethu.”

22. Ngoko ke uNdikhoyo uthi: “Niyabona, ndiza kuqubisana nabo. Amadodana abo aza kufa ngekrele, oonyana neentombi zabo bona bafe yindlala.

23. Akuyi kusinda nempunde le, kuba ndiwazisela ishwangusha amadoda aseAnatoti ngonyaka wokubohlwaya kwam.”

Ujeremiya 11