14. Bonke ziziyatha ezingenalwazi.Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,kuba abanawo umphefumlo.
15. Zizinto ezingento,izinto zokuphoxisa,izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.
16. Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi:nguye owabumba iinto zonke.AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana.USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.
17. Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni.
18. Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”
19. Athi ke mna, ukwenzakala kwam!Amanxeba am akanakuphila.Ke mna bendisithi:“Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”