Ujeremiya 10:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Bonke ziziyatha ezingenalwazi.Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo,kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso,kuba abanawo umphefumlo.

15. Zizinto ezingento,izinto zokuphoxisa,izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.

16. Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi:nguye owabumba iinto zonke.AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana.USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.

17. Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni.

18. Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”

19. Athi ke mna, ukwenzakala kwam!Amanxeba am akanakuphila.Ke mna bendisithi:“Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”

Ujeremiya 10