4. Waqhuba wathi: “Kothi loo nkwenkwe ingekakwazi nokuthi: ‘Mama,’ okanye: ‘Tata,’ bube bonke ubutyebi baseDamasko, ngokunjalo namaxhoba aseSamariya, selethathwe ngukumkani waseAsiriya.”
5. Uphindile *uNdikhoyo wathetha nam,
6. wathi: “Ngenxa yokuba aba bantu bewamangele amanzi ankcenkceza eShilowa, futhi bemvuyelela ukumkani uRezin nokumkani uPeka,
7. mna ndiza kubazisela irhuluneli yaseAsiriya kunye nemikhosi yayo, imhlasele uJuda. Ukugaleleka kwayo iya kuba ngathi kukuzalisa nokutyekeza komlambo omkhulu iEfrati.
8. Ukungena kwawo kwelakwaJuda lo mkhosi uya kukhukulisa okomlambo ozeleyo. Wosuka uyinabise imisinga yawo, ngayo ulintywilisele eli lizwe jikelele. Tarhu, Imanuweli!
9. “Ke nina zintlanga, hlaban' umkhosi ninkwantye!Nina zizwe, bekan' indlebe niphulaphule!Qulani niligangathe – kodwa ke – rhorho!Xhobani nif' amacala – niza kuthi shuu!
10. Noba ningade nicebisane, yoba lilize elo;ningathwesana nje kodwa soze niphumelele,kuba kaloku uThixo unathi.”
11. *UNdikhoyo wandibamba ngesandla, wandilumkisa ukuze ndingazilandeli iindlela zaba bantu, wathi:
12. “Izinto abathi liyelenqe wena sukuvuma ukuba ziliyelenqe, ungazixhaleli nezinto abazoyikayo bona.
13. Kaloku nguNdikhoyo uSomandla-onke ongcwele, ngoko ke nguye omawumhlonele umthobele.
14. Yena uya kuba ngumqolomba wakho. Kambe ke kuzo zombini izindlu zikaSirayeli uya kuba lilitye elibakhubekisayo, ulwalwa olutyibilikisayo, nakwiJerusalem ngokwayo abe ngumgibe obambisayo.
15. Baninzi ke abaya kukhubeka; ewe, baya kukhahleleka phantsi bacumke; ndithi baya kurhintyeleka emgibeni.”
16. Nina ke, mahlakani am, lwaluseni nilugcine udaba nomthetho kaThixo.
17. Ke mna ndiya kukholosa *ngoNdikhoyo, lo uyifulatheleyo indlu kaYakobi; ewe, mna ndokholosa ndithembele ngaye ngokupheleleyo.
18. Ndim lo kunye nabantwana andinike bona uNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke, obhotwe lakhe likwintaba iZiyon, thina usenze sangumqondiso nomzekelo kumaSirayeli.
19. Xa benicebisa besithi yiyani kwabavumisayo, abaneshologu, nabanoonomathotholo, kutheni ukuba ningababuzi nithi: “Ngani ukuba abantu bangabuzisi kuThixo wabo? Ngani ukuba abantu babuzise kwizinyanya, bathetha-thethane nabafileyo ngenxa yâbo baphilayo?”