1. Ke kaloku kwabakho imfazwe kwelakwaJuda ngethuba lokulawula kukakumkani uAhazi unyana kaYotam, umzukulwana kaUziya. URezin ukumkani wama-Aram, ekunye noPeka unyana kaRemaliya owayengukumkani wakwaSirayeli, bahlasela iJerusalem, kodwa babuya ze.
2. Ukumkani wakwaJuda uthe akulufumana udaba lokuba imikhosi yama-Aram seyingxange kumhlaba wakwaSirayeli, akoyika wangcangcazela, yena nabantu bakhe, okwemithi ishukunyiswa ngumoya.
3. *UNdikhoyo ke uthethe noIsaya wathi: “Hamba nonyana wakho uMasalela-obuya, uhlangabeze ukumkani uAhazi. Niya kudibana naye endleleni phaya kulaa ndawo basebenzela kuyo abasonti belaphu, ekupheleni kwalaa mjelo utsala amanzi kwelaa qula liphezulu.
4. Yithi kuye: ‘Hlala uthe qwa uzole, ungabhuduzeli ube nevuso. Kaloku lo msindo kakumkani uRezin nama-Aram kunye nalo kakumkani uPeka unyana kaRemaliya ufana nje nokutsitsitheka komlilo weviti.
5. Ama-Aram ekunye namaSirayeli phantsi konyana kaRemaliya baceba iyelenqe ngawe.
6. Bathi: “Masilihlasele ilizwe lakwaJuda, silithathe sahlulelane ngalo, size simisele unyana kaTabhele abe ngukumkani.”
7. Kambe ke iNkosi uNdikhoyo ithi:“ ‘Unotshe; soz' ihle loo nto!Hayi, into enjalo soze yenzeke tu!