Uisaya 7:1 Ibhayibhile (XHO96)

Ke kaloku kwabakho imfazwe kwelakwaJuda ngethuba lokulawula kukakumkani uAhazi unyana kaYotam, umzukulwana kaUziya. URezin ukumkani wama-Aram, ekunye noPeka unyana kaRemaliya owayengukumkani wakwaSirayeli, bahlasela iJerusalem, kodwa babuya ze.

Uisaya 7

Uisaya 7:1-7