1. *UNdikhoyo uthi:“Phulaphulani, nina banxanel' ubulungisa,nina babongozana noNdikhoyo.Khangelani kwiliwa enathwetyulwa kulo,kuloo mqhokro navunjululwa kuwo.
2. Khanicinge ngoAbraham inyange,nangoSara yena ungumawokhulu.Ndambiza eyedwa kuphela,ndaza ndamsikelela waba sisizwe.
3. Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon,akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo.Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo,nentlango ibe njengomyezo waseIdeni,khona kulawule uvuyo nemincili,ibe yintsholo yengoma yokudumisa.