1. *UNdikhoyo uthi:“Phulaphulani, nina banxanel' ubulungisa,nina babongozana noNdikhoyo.Khangelani kwiliwa enathwetyulwa kulo,kuloo mqhokro navunjululwa kuwo.
2. Khanicinge ngoAbraham inyange,nangoSara yena ungumawokhulu.Ndambiza eyedwa kuphela,ndaza ndamsikelela waba sisizwe.
3. Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon,akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo.Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo,nentlango ibe njengomyezo waseIdeni,khona kulawule uvuyo nemincili,ibe yintsholo yengoma yokudumisa.
4. “Ndiphulaphuleni ke, bantu bam,nibek' iindlebe, sizwe sam.Mna ndowisa umthetho;ulawulo lwam lukhanyisele izizwe.
5. Ngokukhawuleza ndiza kuhlengahlengisa;usindiso lwam lusendleleni;izizwe zolawulwa ndim ngenkqu.Kaloku nezikude zindilindele;nazo zikholose ngamandla am.
6. Khanijonge amazulu phezulu,nijonge umhlaba phantsi.Amazulu othi pheselele njengomsi,umhlaba uguge njengengubo,abantu bafe njengeempukane.Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli;ubulungisa bam soze buthini.
7. “Ndiveni, nina babaziyo ubulungisa,luhlangandini lunomthetho wam entliziyweni.Sanukuzihlupha ngâbo baninyelisayo,ningazidubi nangabo banithukayo.
8. Bonyamalala ngathi yingubo edliwe ngamanundu,ngathi buboya begusha obudliwe ngumbungu.Ubulungisa bam bona boma bumi;usindiso lwam lukwizizukulwana ngezizukulwana.”
9. Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule!Xhoba ngamandla akho usihlangule;makube njengemihla yamandulo.Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele;nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.
10. Nguwe owalomisayo nolwandle;nguwe owavula indlela enzonzobileni,baza badlula abakhululwa bakho.