Uisaya 50:3-7 Ibhayibhile (XHO96)

3. Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,amazulu anxibe ezokuzila.”

4. UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphulenjengalowo ufundiswayo.

5. UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;nam ke zange ndivukelane naye,ngenene zange ndirhoxe kuye.

6. Ndazinikezela kwabo bandibethayo,kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.

7. Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;ngoko ke andiyi kuhlazeka.Ndikulungele ukunyamezela;ewe, andisayi kudana.

Uisaya 50