Uisaya 46:8-12 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Khumbulani le nto nizikise;khaniyiguqu-guqule, nina bavukeli.

9. Khanikhumbule iziganeko zamandulo,nivume ukuba mna ndinguThixo;ewe, akukho thixo ufana nam.

10. Isiphelo ndasixela kwasekuqaleni;kwamandulo ndazivakalisa izinto ezizayo.Ndatsho ukuba icebo lam soze liwe,koko ndokufezekisa oko ndikumisileyo.

11. Mna ndibize umfo empumalanga;sisitshu esiya kurhiwula njengokhetshe.Yena woyifezekisa yonke injongo yam;njengoko ndithethile kuya kuba njalo kanye.

12. Phulaphulani, bantundini baneenkani,nina banxaxhileyo elusindisweni.

Uisaya 46