17. Kanti ke oseleyo umthi uza kweza umfanekiso ngawo, ajike akhahlele kuwo. Uzibika kuwo athi: “Nceda undihlangule, thixo wam!”
18. Abantu abanjalo ke zizititsi ezingayaziyo into eziyenzayo. Amehlo nengqondo yabo ivaleke mba; abayazi inyaniso.
19. Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”
20. Ufana nomntu otya uthuthu. Ubhanxeke mpela; ngoku uyaphuphutheka, futhi akukho buyambo. Kaloku akavumi ukuba le nto ayiphetheyo ngamampunge.
21. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Zikhumbule ezi zinto kaloku, Yakobi;kaloku wena usisicaka sam, Sirayeli.Ndakudalela ukuba ube sisicaka sam;ndaye ke andisoze ndikulibale.
22. Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;isono sakho sithe shwaka okwenkungu.Buyela kum; ndim umkhululi wakho.”
23. Memelelani ngemihlali, mazulu;mazidume kaloku neenzonzobila.Ngqungqani nisine, nani zintaba,ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;ewe, ukukhulule, wena Yakobi;utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.