14. Ehlathini phaya uthatha nawuphi na umthi; ingangumsedare, um-oki, okanye ipayini. Kanti usengatyala nawuphi na umthi, awulinde ukhuliswe yimvula.
15. Inxalenye yomthi umntu uyayithatha abase enze umlilo, aze kwangaloo mthi enze umfanekiso awunqule. Ewe, wotha umlilo awubase ngomthi; aze kwalapho apheke isonka atye; kanti ngenxalenye yaloo mthi uza kwenza umfanekiso, awunqule esithi nguthixo.
16. Kwangaloo mthi uyabasa, ose inyama, atye ade adikwe. Ewe, wotha umlilo ade ancome athi: “Kutsho kwamnandi; kufudumele.”
17. Kanti ke oseleyo umthi uza kweza umfanekiso ngawo, ajike akhahlele kuwo. Uzibika kuwo athi: “Nceda undihlangule, thixo wam!”
18. Abantu abanjalo ke zizititsi ezingayaziyo into eziyenzayo. Amehlo nengqondo yabo ivaleke mba; abayazi inyaniso.
19. Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”
20. Ufana nomntu otya uthuthu. Ubhanxeke mpela; ngoku uyaphuphutheka, futhi akukho buyambo. Kaloku akavumi ukuba le nto ayiphetheyo ngamampunge.
21. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Zikhumbule ezi zinto kaloku, Yakobi;kaloku wena usisicaka sam, Sirayeli.Ndakudalela ukuba ube sisicaka sam;ndaye ke andisoze ndikulibale.
22. Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;isono sakho sithe shwaka okwenkungu.Buyela kum; ndim umkhululi wakho.”
23. Memelelani ngemihlali, mazulu;mazidume kaloku neenzonzobila.Ngqungqani nisine, nani zintaba,ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;ewe, ukukhulule, wena Yakobi;utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.
24. UMkhululi wakho uNdikhoyo uyathetha;yena owakubumbayo kwasesizalweni uthi:“NdinguNdikhoyo uMenzi weento zonke;ndim owawatwabululayo amazulu,ikwandim owawolulayo umhlaba;ewe, zange ndincedwe bani.
25. Mna ndizitsho zibhanxeke izanuse,ndidlale ngabo ke oosiyazi;ubuciko bezilumko ndiyabutshitshisa,butsho budule ubutyhakala bazo.