12. Umkhandi uthatha ubhedu, alusebenze ngomlilo. Ngezo zigalo zakhe uthatha isando, alukhande elulungisa. Esasebenza njalo uyanxanwa, uyalamba, uyadinwa, yonke loo nto.
13. Kanti ke umchweli uyawulinganisa umthi. Uzoba loo nto afuna ukuyenza ngetshokhwe; usebenzisa izixhobo zakhe ewukrola, aze ke akhuphe into efana nomntu (inzwana yomfo) ayithathe ayifake endlwini.
14. Ehlathini phaya uthatha nawuphi na umthi; ingangumsedare, um-oki, okanye ipayini. Kanti usengatyala nawuphi na umthi, awulinde ukhuliswe yimvula.
15. Inxalenye yomthi umntu uyayithatha abase enze umlilo, aze kwangaloo mthi enze umfanekiso awunqule. Ewe, wotha umlilo awubase ngomthi; aze kwalapho apheke isonka atye; kanti ngenxalenye yaloo mthi uza kwenza umfanekiso, awunqule esithi nguthixo.
16. Kwangaloo mthi uyabasa, ose inyama, atye ade adikwe. Ewe, wotha umlilo ade ancome athi: “Kutsho kwamnandi; kufudumele.”
17. Kanti ke oseleyo umthi uza kweza umfanekiso ngawo, ajike akhahlele kuwo. Uzibika kuwo athi: “Nceda undihlangule, thixo wam!”
18. Abantu abanjalo ke zizititsi ezingayaziyo into eziyenzayo. Amehlo nengqondo yabo ivaleke mba; abayazi inyaniso.