Uisaya 43:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. “Ewe, bendingokhoyo kwamandulo;akukho kuphuncuka esandleni sam;endikwenzayo akujikwa mntu.”

14. *UNdikhoyo uMkhululi wenu,yena uYedwa kaSirayeli, uthi:“Ngenxa yenu ndothumela eBhabheli,atsho amaKaledi asabe ngezo nqanawa zawo zeqhayiya.

15. Mna ndinguNdikhoyo, uYedwa wenu,uMdali noKumkani wakho, Sirayeli.”

16. Utsho uNdikhoyo,umavul' indlela enqumla elwandle,nditsho indlela ecanda kumsinga olephuzayo;

Uisaya 43