Uisaya 37:13-24 Ibhayibhile (XHO96)

13. Uphi ngoku ukumkani waseHamati, owaseArpadi; ukumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”

14. Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.

15. Wathandaza kuNdikhoyo, wathi:

16. “Ndikhoyo, Somandla-onke, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi *kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena walidala izulu kwanehlabathi.

17. Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve onke la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.

18. Ngenene, Ndikhoyo, ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe zonke kunye nemihlaba yazo.

19. Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yayiyimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.

20. Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa uNdikhoyo.”

21. Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’

22. “Mayela naye ke uNdikhoyo uthi:‘Okokwakho, wena Senakeribhe,isixeko iZiyon siyakugcolodela,isixeko iZiyon sihlekisa ngawe.Ewe, iJerusalem ihlunguzel' intlokoxa ikubona wena uswantsula.

23. Ngubani lo umngcikiva ngezinyeliso ezinje?Uba uthetha nabani, ukhwaza nje?Ngubani lo umjonge ngekratshi?Lowo ke nguYedwa kaSirayeli!

24. Wena uthumele izigidimi,uNdikhoyo wamfumba ngezithuko;kaloku ugcolode wathi: “Mna ndinenyambalala yeenqwelo;ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo,loo malenga-lenga aseLebhanon.Ndiyigawule imisedare yayo emidenaloo mipayini yayo ingayiwayo.De ndafikelela nasekudeni,nditsho esitsikolweni sehlathi.

Uisaya 37