Uisaya 33:15-24 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngondlela zithe ngqo nothetha kakuhle,nongafuni kungenelwa ngengcinezelo,noyingcathu ongazamkeliyo izicengo,ongahambisaniyo nabafutha amayelenqe,umntu ongafunaniyo nezinto ezimbi.

16. Onjalo ke uza noloyiso;ukhuseleke ngathi usemqolombeniapho ukutya namanzi kuhlala kuhleli.

17. Ke amehlo enu oze ambone ukumkaniethiwe jize ngesihomo nesithozela;owakhe umhlaba uthe gabalala.

18. Ngeenkumbulo nocamanga ngehambo-nzima yamandulo:“Waya phi umphicothi-ncukacha;ephi ke yena umvavanyi?Kanti uphi yena umhloli weenqaba?”

19. Ezo ntlanga zidelelayo zophel' emehlweni,abantu abantetho ingacacanga,abapitiliza ulwimi eningaluqondiyo.

20. Khangelani iZiyon, isixeko samatheko amisiweyo;zisuka nje nokhangwa yiJerusalem,ikhaya lenzolo, umzi ongashukumiyo;ezawo izikhonkwane soze zancothuka,neentsontelo zawo soze ziqhawuke.

21. Apho ke uNdikhoyo woba nguThixo wethu onamandla,soba ngathi siphakathi kweentlambo nemilambo;kodwa akukho sikhephe siya kuhamba khona,kungekho nanqanawa ingangcambaza apho.

22. Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.Ikumkani yethu nguNdikhoyo;nguye oya kusisindisa.

23. Zona iintambo zenqanawa ziyeke-yeke;azisenako ukuyibamba intsika yayo,zingenako ukuyiqinisa neseyile.Boxhaphaz' amaxhoba bazanelise;kuya kuhlomla nesiqhwala esi sembala.

24. EZiyon akusayi kubakho ugulayo;zonke izono zabemi bayo ziya kuxolelwa.

Uisaya 33