Uisaya 22:13-20 Ibhayibhile (XHO96)

13. Suka nina naguya nabhiyoza,naxhela zigusha zinkomo kwanjeya;natya nenyama, nalebela ngotywala, nisithi:“Masonwabe sitye sisele;ikakade siyafa ngomso!”

14. UNdikhoyo uSomandla-onke uthethe nam wathi:“Ngenene obu bubi abuyi kuxolelwa.”Ewe, ufunge wathi kode kufiwe kunjalo.Utshilo ke uMhlekazi uNdikhoyo uSomandla-onke!

15. Ke iNkosi *uNdikhoyo uSomandla-onke yandiyalela ukuba ndiye kuShebhena, usomaqhuzu wakomkhulu, ndifike ndithi kuye:

16. “Uyintoni apha? Khona ulithatha phi ilungelo lokuzikrolela ingcwaba kule nduli inezawana?

17. Ingade ibe ngathi usisikhulu, kodwa yena uNdikhoyo uya kusuka akuthi hlasi, akulahle kude.

18. Ewe, uya kukuthatha ube ngathi uyibhola, akutshukutshele kwilizwekazi elikhulu. Uya kufela ngakwezi nqwelo uzidla ngazo, ntondini ihlazisa umzi wenkosi yayo!

19. UNdikhoyo uza kukukhiqa kwesi sihlalo ukuso, utsho uwe bhaxa.”

20. INkosi yaqhuba yathi: “Kuya kuthi ke kwakuba kunjalo, ndibize isicaka sam uEliyakim unyana kaHilekiya.

Uisaya 22