5. Ke mna ke ndikhalela iMowabhi,kuba abantu bayo babhacel' eZoware,basabele e-Egelati-sheleshiya.Nâbo bekhwina benyuka iLuti;benz' isimbonon' ukusing' eHoronayim,benesingqala ngenxa yentshabalalo.
6. Intlanjana yeNimrim yona yome khonkqo,notyani ecaleni kwayo apho butshazile;ewe, akusekho hlaza, kome khwahla.
7. Ubuntwana-ntwana ababuqwebileyo nâbo bexhakazela bebuphethe,besiya kuwela loo ngxingwa yemipampiri.
8. Yintlokoma yesikhalo eMowabhi jikelele.Eso sililo sivakala nase-Eglayim;eso sijwili sifikelela naseBhere-elim.
9. Emlanjeni kwisixeko saseDibhon namanzi ngokwawo abomvu ligazi.Kanti ke mna Thixo ndisaza kwenza izinto zamehlo:kuza kujub' ugodo kwaseleyo amaMowabhi!