Uisaya 15:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neMowabhi:KwelaseMowabhi yimbubho yodwa;kaloku iAri ivuthululwe ngabusuku bunye.Kunyembelekile eMowabhi phaya;kaloku iKiri itshatyalaliswe ngabusuku bunye.

2. Nango amaDibhon enyukela endaweni yawo yokunqula,esiya kuphalaza iinyembezi elila.AmaMowabhi alilela iNebho neMedibha;selede agugul' iinwele neendevu.

3. Ezitalatweni ahamba enxibe ezokuzila;phakathi kwabantu nasemakhaya sisijwili.

4. AmaHeshbhon namaElale ayabhomboloza;isikhalo sawo sivakala naseYahaza.Kubi, namajoni ngokwawo ayakhalaza;kaloku nawo ngoku angenwa yingevane.

5. Ke mna ke ndikhalela iMowabhi,kuba abantu bayo babhacel' eZoware,basabele e-Egelati-sheleshiya.NĂ¢bo bekhwina benyuka iLuti;benz' isimbonon' ukusing' eHoronayim,benesingqala ngenxa yentshabalalo.

6. Intlanjana yeNimrim yona yome khonkqo,notyani ecaleni kwayo apho butshazile;ewe, akusekho hlaza, kome khwahla.

Uisaya 15