Uisaya 13:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ihlabathi ndilizisela isithwakumbe,ndibohlwaye abantu ngenxa yezono zabo,ndilinqamle ikratshi labazikhukhumalisayo,ziwe bhaxa izibhoja eziqholosayo.

12. Amadoda oba njengegolide ukunqaba;ewe, abantu bonqaba kunegolide yaseOfire.

13. Amazulu ndiya kuwangcangcazelisa,umhlaba utsho unyikime endaweni yawongomhla wengqumbo kaNdikhoyo uSomandla-onke,ngemin' enzima yomsindo ovuthayo.

14. Baya kufana nenxala elizingelwayoneegusha ezibhadula ziding' ozalusayo.Elowo uya kubhenela kumawabo,umntu ngamnye asabele kwelakowabo.

15. Lowo ufunyenweyo uya kuhlatyaniselwa;bonke ababanjiweyo baya kubulawa.

16. Iintsana zabo ziya kuntlekezwa,abazali bebukele ngawabo amehlo.Imizi yabo iya kuphangwa,nakubafazi ke kube yiloo nto.

17. Ndiza kubaxhokonxela amaMedi;wona akakhathalele nasiliva,engenaxesha layo negolide.

18. Okwakungabafana aya kubageqa ngeentolo;wona akanalusini nasezintsaneni;ewe, akavakalelwa nasebantwaneni.

19. IBhabheli yinzwakazi phakathi kwezikumkani,iligugu neqhayiya lamaKaledi,kodwa yobhukuqwa ifane neSodom neGomoramhla wazihlasela uThixo.

20. Yona soze iphinde imiwe mntu.Yoba zizizukulwana ingahlalwa mntu,kungekho nam-Arabhu womisa ntente kuyo;nabelusi soze babe salusela khona.

21. Iya kuba likhaya lamarhamncwa;badakase khona noodyakalashe;iya kusala ilikhaya lezihulu-hulu,nemigewu yeebhokhwe iqakathe khona.

22. Ezingxandeni yoba sisijwili samaxhwili,nodyakalashe atsho ngomkhulungwane kuloo mapomakazi.Ewe, ngoku ixesha layo lisemnyango,nemihla yayo isongekile.

Uisaya 13