15. “Noba uEfrayim angaba nempumelelo phakathi kwezizalwane zakhe,uya kufikelwa lulophu lwasempuma,umoya kaNdikhoyo ovela entlango,utshe umthombo wakhe,amaqula akhe ome qoko.Oovimba bakhe baya kuphangwanabo bonke ubuncwane babo buthathwe.
16. ISamariya yona iza kohlwaywa;kaloku bavukelene noThixo wabo.Baza kuba zizigede likrele;iintsana zophihlizwa emhlabeni,nabakhulelweyo baya kuqangqululwa.”