8. “Umhlaba oyamene nokaJuda ukusuka empumalanga kuye entshonalanga uya kunikelwa kuNdikhoyo. Ububanzi bawo buya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, buze ubude bawo ukusuka empumalanga kuye entshonalanga bulingane nobude bomhlaba wesizwe esinye. Ke sona isibingelelo siya kwakhiwa esazulwini sawo.
9. “Lo mhlaba uwodwa uya kunikelwa *kuNdikhoyo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.
10. Le ke iya kuba yindawo eyodwa yababingeleli. Ubude bayo emantla buya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha, buze ububanzi bayo ngasentshonalanga bube ziikhilomitha ezintlanu. Ngasentshonalanga ububanzi buya kuba ziikhilomitha ezintlanu, buze ubude bayo emazantsi bube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha. Isibingelelo sikaNdikhoyo soba sesazulwini sayo.
11. Lo mhlaba uya kuba ngowababingeleli abachongiweyo, amaZadoki, wona âlulamela imimiselo yam ngokunyaniseka akakreqa axela abaLevi xeshikweni ayephambukile amaSirayeli.
12. Uya kuba yinxaxheba yabo eyodwa ethathwe kumhlaba owodwa nongcwele owayamene nomhlaba wabaLevi.
13. “AbaLevi baya kuba nomhlaba owayame lowo wababingeleli. Umlinganiselo wawo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.
14. Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.
15. “Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo.
16. Ubukhulu baso ke buya kuba ziikhilomitha ezimbini ezinekota emantla, bube kwangako emazantsi, ngasempumalanga nangasentshonalanga.
17. Idlelo lesixeko liya kuba likhulu elinamashumi amabini anantlanu eemitha entla, libe kwangako ezantsi nasempumalanga kwanasentshonalanga.
18. Umhlaba oseleyo kulowo wayame ubude bomhlaba okhethekileyo uya kuba ziikhilomitha ezintlanu ngasempumalanga kwanezintlanu ngasentshonalanga. Isivuno sawo siya kondla abasebenzi besixeko.
19. Abasebenzi besixeko abawulimayo baya kuba ngabezindlu zonke zakwaSirayeli.
20. Uya kuba ngumhlaba omacala alinganayo alishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha kwicala ngalinye. Umhlaba okhethekileyo nalowo wabelwe isixeko uya kuba ngumnikelo owodwa.